Umfundi we-MSc wakhe ilinge lendlu ngomhlaba, nenkunkuma

03 March 2026 | Ibali nguNiémah Davids. Iifoto zinikezelwe. Liguqulelwe EsiXhoseni Yi-Multilingualism Education Project. Ixesha lokufunda yimizuzu emi-6. Read time 6 min.
Matimba Mabonda
Matimba Mabonda

Umfundi weYunivesithi yaseKapa (UCT) we-MSc uMatimba Mabonda neqela lakhe basandula ukugqiba ukwakha indlu enamagumbi okulala amathathu, eyakhiwe kusetyenziswa umhlaba kunye nezinye izinto ezilahlwayo.

UMzantsi Afrika uvelisa malunga ne-122 lezigidi zeetoni zenkunkuma ngonyaka. Khawufane ucinge xa unokusebenzisa le nkunkuma kakuhle uze wakhe indlu entsha kraca ukusuka phantsi ukuya phezulu? Kuyakwazeka kwaye uMabonda uyibonakalisile lo nto. Isiphumo yindlu epholileyo enamagumbi okulala amathathu eyakhiwe ngomhlaba kunye neplastiki nenkunkuma yeglasi, kwaye lilo naliphi na iphupha lomninimzi okhathelele indalo.

Ukwenza iprojekthi yokwakha elolu hlobo ibisoloko ikuluhlu lwezinto ezinqwenelwa ukwenziwa nguMabonda. Kwaye emva kokuba ephumelele isidanga sakhe sobunjineli bamachiza eUCT, uzibandakanye nekhontraka ka tata wakhe, uBen, owakhe amakhulu ezindlu kwixesha elidlulileyo, ukuze izaliseke. Ngelo xesha, uMabonda, ogqibezela i-MSc yakhe ngoku, ebesele emisele isiqalo sakhe, seLolaGreen, ukunika isisombululo esitsha sokwakha. Inxalenye yegalelo kwishishini liquka ukuqokelela inkunkuma efumaneka kwiindawo zokulahla inkunkuma nakwezinye iindawo zokusingqongileyo, nokuyiguqulela ekubeni ibe yimathiriyeli yokwakha ehlala ixesha elide.

“Indlu ezizinzileyo ibisoloko iyinto enomdla kum, kwaye emva kokuphumelela isidanga sam kube sengqondweni ukungena kwindlela yokusenza sisebenze kwaye yiloo nto endiyenzileyo,” utshilo.

Iphupha lizaliseka

Ekhulela etyotyombeni eGrasmere e-Ennerdale, eRhawutini, kwaye ebona ukunqongophala kwezindlu kweli lizwe kunye nemiceli mngeni eza nayo, uMabonda ibe yinjongo yakhe yokufumana esinye isisombululo sokwakha, esiqaphela indalo kunye nesifikelelekayo esiya kuvelisa intuthuzelo efanayo njengendlu yezitena kunye nodaka.

 

“Bendisoloko ndifuna ukuphucula izinto kusapho lwam.”

“Bendisoloko ndifuna ukuphucula izinto kusapho lam. Sikwanayo nengxaki enkulu yezindlu eMzantsi Afrika. Ndiye ke ndacinga ukuba ndingafaka isandla ekusombululeni le ngxaki ngelixa ndigcina uzinzo oluphezulu engqondweni kunye nokutshintsha imeko kusapho lwam kunye nabanye, oko kuya kuba kuhle kwaye kundonwabise kakhulu,” utshilo.

UMabonda usebenzisene notata wakhe, bobabini bazimisela ukwakha indlu yabo elilinge. Isicwangciso sakhe, uthi, ibikukusebenzisa oko bakubiza ngokuba yi-“lolabricks”, eyenziwe ngeplastiki kunye nenkunkuma yimizimveliso engenasamente okanye amanzi. Kodwa ukufumana imali yokuthenga oomatshini boshishino ukuze bavelise kube ngumcelimngeni wabo omkhulu. Kodwa ngomngeni kuvela ithuba. Njengenye indlela, uMabonda uqale ukuhlola indlela yokusebenza ngobuchwepheshe bokwakha umhlaba (ubuchule bokwakha okuzinzileyo esebenzisa umhlaba ongalungiswanga), okulandelayo kube yimbali.

Ukwakha ngokuzinzileyo

Ukulungisa umhlaba wokwakha ngumsebenzi omde kwaye ubandakanya ukuwuhlalutya ngobunono nokuwuvavanya ukufumanisa ukufaneleka kwawo, okubandakanya ukuseka umlinganiselo womhlaba olungele iziphumo zesakhiwo. UMabonda uchaza ukuba izindlu ezahlukeneyo kwiindawo ezahlukeneyo zifuna umlinganiselo womhlaba ohlukeneyo – kwaye kuxhomekeke kubukhulu bendlu, abakhi kufuneka badibanise iintlobo ezahlukeneyo zomhlaba ukuze bafezekise iziphumo ezifunekayo.

Kwindlu elilinge, uthi, iqela longeze inkunkuma yeplastiki emhlabeni ongalungiswanga kwaye balumkele ukuba bangabeki esichengeni isakhiwo sendlu ukuqaliswa kokwakhiwa.

 

“Ngaphezulu kwe90% yedonga lendlu elilinge ka Mabonda lakhiwe ngezinto zomhlaba.”

Uthi unethemba lokuba obu buchule bokwakha buza kuguqula ishishini lokwakha, ngenxa yokuba kuthathwa njengokufikelelekayo, kuya kuba negalelo ekuboneleleni ngezindlu ezifikelelekayo kwabo basweleyo.

“Ngaphezu kwe90% yedonga lethu lenziwe ngezinto zomhlaba, kunye nenkunkuma yeplastiki. Indlu yethu ithe gabalala. Ishushu ebusika kwaye ipholile ehlotyeni – iyenza ibe yindawo epholileyo kwaye akukho mfuneko yezifudumezi ezibizayo,” utshilo uMabonda.

Akukho mahluko

Indlu enamagumbi okulala amathathu, ekwanendawo yokuhlala, ikhitshi, igumbi lokuhlambela kunye negaraji ise-Ennerdale kwaye ithathe ixesha elingaphantsi kwenyanga ukuyakha. Le ndlu ibonakala njengezinye esitratweni.

“De umntu akuxelele ukuba le ndlu yakhiwe kusetyenziswa umhlaba kunye nezinye izinto ezilahlwayo, awunakuze uthi le asiyondlu yezitena nodaka. Kubonakala ngathi kuyafana,” utshilo.

Ngenxa yempumelelo yale ndlu  yelinge leLolaGreen,  uMabonda uthi eli qela likulungele ukwakha izindlu ezininzi lisebenzisa inkunkuma kangangoko linako kwaye izicelo ziyangena.

“Sele sinenani elivisayo lezicelo zokuba sakhe izindlu, kuba ukwakha kwethu  akugcininje ukuzinza – luyafikeleleka, xa kuthelekiswa nesakhiwo sezitena kunye nodaka. Kwenzeka  ngexesha elifutshane kakhulu. Konke oku kunomtsalane kakhulu,” utshilo.

Ukuphelisa ukukhabonayiza (Decarbonising) kwishishini lokwakha

Ixesha elide, uMabonda uthi injongo yakhe kukukhupha ikhabhoni kushishino lokwakha nokufundisa uluntu ngezinto ezinokwenzeka ngaphandle kokusetyenziswa kwezinto zokwakha eziqhelekileyo, ngelixa ekhonza abathengi bakhe ngokwahlukileyo.

Ukwanethemba lokubonakalisa kumaqumrhu aziziqinisekisi ekwakheni afana ne-Agrement South Africa – umbutho ovavanya ukufaneleka kwenjongo yeemveliso zokwakha ezingamiselwanga kunye nemathiriyeli, ukuba iprojekthi yokwakha yolu hlobo inokwenzeka.

 

“Siyazingca ngendlela emangalisayo ngendawo esikuyo; sisiganeko esibalulekileyo esi kuhambo lwethu.”

Kwaye le nkqubo sele iqalile. Ngoku ikwiingxoxo neBhunga loPhando lwezeNzululwazi noShishino ukuze ifumane isatifikethi esiyimfuneko sokusa ishishini lakhe kwinqanaba elilandelayo.

“Siyazingca ngendlela emangalisayo ukuza kuthi ga ngoku; sisiganeko esibalulekileyo kuhambo lwethu. Ukufumana umtsalane othe kratya kunye nokufumana isatifikethi esiyimfuneko kuza kusisa kwinqanaba elilandelayo, elilelinye lamanyathelo okuguqula ngokwenene ishishini lokwakha kunye negalelo ekusombululeni ingxaki yezindlu eMzantsi Afrika,” utshilo uMabonda.

Le ndlu yakhiwe kucingwa ngentsapho yakwaMabonda yaye baza kuthi nje abakhi bakugqiba ukwakha, le ntsapho ifudukele apho.


Creative Commons License This work is licensed under a Creative Commons Attribution-NoDerivatives 4.0 International License.

Please view the republishing articles page for more information.


TOP