Uhlaziyo kwiiNgxoxo zeVC ekhampasini ngokubanzi

02 December 2025

Boogxa bam abathandekayo kunye nabafundi

Nceda uqaphele: Iinguqulelo ziya kufumaneka ngesiBhulu nangesiXhosa kwiwebhusayithi yeUCT News.

Ngelixa sisungula iVC’s Campus-wide Conversations ngoDisemba 2024, kwaku ngethemba kunye nomnqweno wokuqalisa uhambo oluhlangeneyo lweencoko – apho sinokuzibandakanya ngokuphandle nangokunyaniseka kwimibuzo enzima ejongene neyunivesithi yethu, size siqale ukubuyisela ukuthembana, unxibelelwano kunye, ngenjongo yokwabelwana ethe yaphazamiseka kwiminyaka yakutshanje.

Lo mngcelele weencoko, uququzelelwa ngabasebenzi ababini abazimeleyo – uNjingalwazi Thandabantu Nhlapo kunye noNksz Nomfundo Walaza – wenzelwe ukutyhila izigaba ezininzi, uqala sukela ngoJuni ka2025. Oku bekusenzelwa ukubeka isiseko sezigaba ezilandelayo ebeziza kuxhasa izifundo esizifundayo neendlela esikhetha ukuqhubela phambili ngazo.

Ndibhala kuqala ukwabelana ngohlaziyo malunga nento evele kwiincoko ezithe zaqhubeka ukuza kuthi ga ngoku, kwaye ndinimema nonke ukuba niqhubeke nokubandakanyeka kwiincoko njengoko siqala kolu hambo lude lunzima lokupholisa amanxeba – amadala namatsha –. eziko lethu elikhulu, kunye nokwakha inkcubeko yeziko eligxile ebantwini nesekelwe kubuntu.

Ukusuka kwinto abaqeqeshi abakwazileyo ukuyiqokelela kwiiveki nje ezingama40 zokuphulaphula’, nangona bekukhona  iingozi zokutolika kakubi, ukungaqondi kakuhle kunye nokubabaza okugqithisileyo, iincoko ezixhalabisayo zinokudityaniswa phantsi kwengxelo ethi: “iUCT asiyondawo uziva wamkelekile kuyo”.

Njengoko le ngxelo isenokuvakala imsulwa, ichaphazela ngokucacileyo abantu abaninzi ngaphandle kwabamangeleyo njengoko idlulela ngaphaya kwemiba yokuziphatha enokuthiwa “ziklikhi” – isichazi esithande ukusetyenziswa kwisiXeko saseKapa ngokubanzi – kucalucalulo, ukubhulisha, ukuxhatshazwa, kunye nokungalingani okuzinzisiweyo, ngokoluvo lwaba baphicothi, lubonisa  okwenzekayo kungekho mthethweni, ingakumbi phakathi kwamalungu aphezulu kunye nasezantsi oluntu lwaseUCT.

Kwakhona, phezulu kuluhlu lwezenzo zenkcubeko eziyingxaki ezichazwe ngabathathinxaxheba kwiingxoxo, zizenzo zophukaneko kulawulo kunye nokekelelo kwibhurokrasi yakudala nephelelwe lixesha. Amalungu oluntu lwaseUCT abelane ngamabali okusilela ekwamkelweni, ekubhaliseni nakwindawo yokuhlala. Iingcali zikujonge oku njengento exhalabisayo xa kujongwa ukuba iziko lijongwa ngendlela elibonelela ngayo abo bachaphazelekayo babalulekileyo, kule meko sithetha ngayo ingabafundi.

Ngaphaya koko, iUCT ikwabonwa njengengatshintshiyo ngaphandle kweentshukumo zemibutho ye-#RMF kunye ne-#FMF, ezinike uluhlu olubanzi lweengcebiso malunga nendlela iyunivesithi enokujongana ngayo notshintsho. Abaphicothi bakhunjuzwe ukuba iingxelo zikaMpati noMayosi zinemithombo ebalulekileyo yolwazi enokunceda iUCT ijongane neajenda yayo yenguqu. Abo batyeleleyo bavakalise inkxalabo enkulu malunga nesantya esicothayo sokuphunyezwa kwezindululo eziqulethwe kwezi ngxelo.

Abasebenzi baye balunyukiswa ngemfuneko yokuqinisekisa ukuba amasebe athile aqeqeshelwe umsebenzi, inkxaso yolawulo kunye nenkonzo (PASS) abambelela kwimigaqonkqubo neenkqubo kwaye anezibonelelo ezifanelekileyo ezicwangciswe ngendlela esebenza ngokufanelekileyo kwinjongo yeziko lilonke. Abaphicothi bakwaxelelwe malunga nokubhideka malunga nendima yokusebenza kweOfisi yoQuko kunye noTshintsho ne-Ofisi kaNozikhalazo (Ombud’s) yaseUCT – izakhiwo ezibini ezibalulekileyo ekuqinisekiseni ukuba uyinxalenye yeUCT.

Ndingena kuyo yonke imixholo ibeyimvakalelo yeyunivesithi apho izigqibo zaseGaza ezamkelwa liBhunga ziye zadala iyantlukwano enzulu kunye neentetha ezimbi ukuza kuthi ga umanyano lwabaphetheyo lukwinqanaba elisezantsi. Amagama athi ‘ityhefu’ kunye neendawo ezingakhuselekanga’ ziyimizekelo eqhubekayo. Le meko imaxongo ibangela ukuba abantu boyike ukuvakalisa izimvo zabo ezinyanisekileyo, nto leyo inefuthe elibi kwindlela yokuzisa iingcinga nemibono emihle neyokuyila.

Ekucingeni kwabaphicothi, eyona nto ibuhlungu malunga nesi siphumo kukuba ifihla indima enkulu yeempumelelo ezincomekayo kwinkcubeko yeUCT. Kuyabonakala koku kungasentla ukuba ezi ncoko zinzima nezinyanisekileyo bezingeyomfuneko nje kuphela, kodwa zivumele abantu ukuba babelane ngeembono ezigxeka inkcubeko yeziko lethu iUCT.

Ezi ncoko zinokukhokelela kwinkqubo efuneka kakhulu yokuphilisa, ukwakha nokucinga ngokutsha. Zincoko apho inyaniso inokuhlangabezana novelwano, kwaye apho iyantlukwano yethu inokuba namandla, hayi iphutha. Utshintsho lokwenyani luthatha ixesha. Ayisosiganeko, kodwa yinkqubo ebandakanya uthotho lwamanyathelo angabom nakhuthazayo ukuya phambili. Eli liqonga loluntu lonke lwaseUCT – abasebenzi, abafundi, ababefudula bengabafundi baseUCT – ukuba bazibandakanye kwaye babelane ngeembono zabo ezibalulekileyo.

Njengoko isaci esiqhelekileyo saseNtshona Afrika sisikhumbuza: “Kusuka kwikhozo elincinci lembewu ukuzalwa kowona mthi mkhulu.” Into esiyikhulisayo ngoku – ngeencoko ezinyanisekileyo kunye neenzame ezidibeneyo – inamandla okukhula kunye nokubumba iziko ngendlela enkulu. Siza kuqhubeka nokusebenza nabasebenzi bethu bangaphandle abanamava – uNjingalwazi Nhlapo kunye noNksz Walaza – abathe ngokudibeneyo bazisa amava atyebileyo kwinguqu yongquzulwano, umthetho kunye nokuphiliswa kwezentlalo. Isikhokelo sabo siya kuhlala siluncedo njengoko siqhubeka nokuphonononga imixholo evela kuluntu.

Ndimema umntu ngamnye ukuba ahlale ethathinxaxheba. Amazwi ethu adibeneyo abalulekile ekubumbeni inkcubeko yekhampasi esekelwe kububele, ubuntu, ukuhloniphana kunye nobulungisa. Masiluqinisekise kwakhona uxanduva lwethu ekwabelwana ngalo lokuyila iyunivesithi apho wonke umntu eziva amkelekile, emanyelwa, exatyisiwe kwaye exhotyisiwe.

Ilizwi lakho libalulekile kwimpumelelo yeli nyathelo lekhampasi ngokubanzi. Ndikumema ukuba:

Ndiyakubongoza ukuba uthathe inxaxheba kwezi ncoko – uwedwa, oogxa, amaqela okanye imibutho, iiyunithi okanye amasebe, kwiintlanganiso ezivaliweyo okanye kwiiholo zedolophu – kungekuphela nje njengomthathinxaxheba, kodwa njengodala uhlobo lwenkcubeko yeziko esifuna ukuzibumbela thina kunye nezizukulwana ezizayo eUCT.

Masiqhubeke nolu hambo lwezi ncoko – hayi ngokungxama, kodwa ngenkathalo nokuzibophelela – sisakha-iUCT eluqilima,nemanyeneyo ngakumbi.

Ozithobileyo

UNjingalwazi Mosa Moshabela
USekela Ngqonyela


Read previous communications:


Creative Commons License This work is licensed under a Creative Commons Attribution-NoDerivatives 4.0 International License.

Please view the republishing articles page for more information.


TOP