Abafundi, amaBhokobhoko kunye nesidlo sedinala noNelson Mandela

09 October 2025 | Ibali nguKamva Somdyala. Liguqulelwe esiXhoseni yi-Multilingualism Education Project. Read time 4 min.
UVC ye-UCT uNjingalwazi uMosa Moshabela. <b>Ifoto</b> nguJe’nine May.
UVC ye-UCT uNjingalwazi uMosa Moshabela. Ifoto nguJe’nine May.

“Ndingathanda ukubona imeko apho abafundi bethu bengaxhuthelwanga ikamva labo lempumelelo, impumelelo kunye nefuthe kuluntu.” USekela Tshansela weYunivesithi yaseKapa (UCT) uNjingalwazi uMosa Moshabela kutshanje ujonge ngasemva kwixesha lakhe lokukhokela ukuza kuthi ga ngoku.

“Siyazi ukuba abafundi base-UCT bakhethwa ngokufanelekileyo. Bakrelekrele kwaye baneziphiwo ngeendlela ezininzi. Kwaye into endiyibonileyo kulo nyaka uphelileyo, mhlawumbi ngenxa yezizathu zemali okanye zemfundo, kukuba abo bafundi bangaphela bengafikeleli kwimpumelelo,” utshilo uNjingalwazi Moshabela, ephawula ukuba wothuswe ziindleko eziphakamileyo zokuhlala nokuphila esixekweni, ezichaphazela kakhulu abafundi.

“Iindleko zokuphila nezemali zinokwenza kube nzima, kwaye ndingathanda ukuba abafundi bazi ukuba xa betsala nzima, kulungile kwaye oku kwenzeka kuthi sonke. Nokuba usebenza nzima kangakanani na, ngaxa lithile udibana nexesha elinzima. Ndiyathemba ukuba abafundi banokusinceda ngokuthetha ngamaxesha abo esidingo ukuze siphendule ngexesha.”

UMoshabela ube nodliwanondlebe lobuso ngobuso kunye nomsasazi owaziwayo uNikiwe Bikitsha ukuphawula iinyanga ezilishumi elinesibini esesikhundleni.

Parent Orientation
UNjingalwazi Mosa Moshabela uthetha nabazali, ebaqinisekisa ukuba abantwana babo benze ukhetho olufanelekileyo ngokukhetha i-UCT. Ifoto nguLerato Maduna.

UMoshabela uthe uyasiqonda isizathu sokuba abafundi bangathethi. Kukho ibala elibi elayanyaniswa nokuthetha phandle “kodwa kubaluleke kakhulu ukuba siphendule kakuhle”. “[Iziko] liyazingca ngempumelelo yabafundi bethu, ngoko ke ndifuna sisebenzisane kunye nabafundi bethu – kwaye ukuba impendulo yethu ayanelanga, kufuneka sixelelwe.”

Italente efanelekileyo ithetha umtsalane ofanelekileyo ekutsaleni abafundi abaphezulu kwixesha elizayo. Kwaye uMoshabela wonwabe kakhulu xa efanisa impumelelo ye-UCT nempumelelo yesibini yombhoxo yokuwina indebe yehlabathi yombhoxo enye emva kwenye, Amabhokobhoko, athe ngo2023, aphumelela intshinga yesine engazange ibonwe ngaphambili, eFrance.

“Iziko lifikelele ngaphaya apho umntu anokukuthathela ingqalelo kwabachaphazelekayo abamanyeneyo. Kubantu abaye badlula kwi-UCT, ndiyayiqonda ibhondi abayenzileyo kunye neziko kunye ne-nostalgia.” Into eyenza umdla, kukuba i-UCT imele uphawu lwethemba. “Asiyondawo oya kuyo nje uyokufunda... indlela endiyichaze ngayo kukuyifanisa neqela Amabhokobhoko: nokuba awuwazi kwaye uyawulandela umbhoxo, ngandlel’ ithile uyayibona indima ayidlalayo eluntwini njengophawu lwethemba, nomanyano, nanjengomqondiso wempumelelo,” utshilo uMoshabela.

 

“Ndiyayibulela ingcamango yobuntu ekusebenzeni.”

Usenokuba uqale ngeyeThupha; nangona kunjalo, uMoshabela wayesele esesixekweni ngeyeKhala, ixesha lasebusika eliqhaqhazelis’ amazinyo. Ukususela ngoko uye wafudumala kulo msebenzi. “Ukufika kwam, iKapa lalibanda. Kwakumnyama; kunomoya; kwaye kunetha kananjalo. Ndingatsho, nangona kunjalo, ukuba lo nyaka ubengcono kakhulu, ubulumko bemozulu. Mhlawumbi ndiye ndaqhelana neKapa.”

Emva kokuthetha ngokunyanisekileyo malunga nobunzima bempumelelo yabafundi kunye nefuthe elibanzi lentlalontle ye-UCT, incoko iye yatshintshela kwinqaku elilula – enika amagqabantshintshi kumntu osemva kwesihloko.

Ukuba ubuzibuza ukuba yintoni eyenziwa ngusekela-tshansela ngexesha lakhe lokuphumla, impendulo kukuba akukho xesha likhoyo. Nangona kunjalo, njengoko eqhubeka nokubeka iinyawo zakhe phantsi kwetafile kwaye ebonisa ikamva le-UCT, uMoshabela unethemba lokuba kuza kubakho ixesha lokunyuka intaba yeTafile, aye elwandle onwabele into enikezelwa liKapa. “Kodwa oko kuxhomekeke kwiziko eliqhuba kakuhle,” uphawule.

Undwendwe ledinala

Inqaku lexesha lasimahla likhokelela ngokukhululekileyo kumbuzo wokuba ngubani (ongasaphiliyo okanye ophilayo) onokukhethwa njengondwendwe lwesidlo sangokuhlwa: “NguNelson Mandela. Ndisamangaliswa bubomi bale ndoda. Okukhona ndikhula njengenkokheli, ndiyamxabisa ngakumbi. Ndiyayibulela ingcamango yobuntu ekusebenzeni. Ndiza kumtyisa ntoni? Ioxtail,” utshilo ehleka.


Creative Commons License This work is licensed under a Creative Commons Attribution-NoDerivatives 4.0 International License.

Please view the republishing articles page for more information.


TOP