Iinkampani zizibandakanye ‘netalente ekwinqanaba eliphezulu’ kwi-job expo yaseUCT

01 September 2026 | Ibali Kamva Somdyala. Iifoto Lerato Maduna. Ixesha lokufunda yimizuzu emi5. Iguqulelwe esiXhoseni yi-Multilingualism Education Projec Read time 5 min.
Amawakawaka aye kumboniso, ethatha ithuba elipheleleyo lokuzibandakanya ngokuthe ngqo nabo baza kuba ngabaqeshi, baphonononge iinkqubo zabathweswe izidanga, uqeqesho kunye neendlela zekhondo lomsebenzi.
Amawakawaka aye kumboniso, ethatha ithuba elipheleleyo lokuzibandakanya ngokuthe ngqo nabo baza kuba ngabaqeshi, baphonononge iinkqubo zabathweswe izidanga, uqeqesho kunye neendlela zekhondo lomsebenzi.

Iziko lezeMidlalo leYunivesithi yaseKapa (UCT) belithe nkxwe zincoko ezinxulumene nomsebenzi njengoko abafundi nabo banokuqesha bebehlanganisene kuMboniso we-Epic Job wonyaka nge4 kweyeThupha.

Ibanjwe yiNkonzo yeKhondo leMisebenzi leUCT (UCT Careers Service) eliphumelele ibhaso, lo msitho udibanise abameli abavela kwimibutho yasekhaya neyamazwe ngamazwe abazimisele ukunxibelelana netalente yabafundi ekwinqanaba eliphezulu. Ngaphandle kwamathuba okugaya, ababonisi banikezele ngesikhokelo somsebenzi kunye nokuqonda kwinkqubo yokukhangela umsebenzi, ukunceda abafundi baqonde ngcono okulindelwe ngumqeshi kunye neendlela zoshishino. Kwabaninzi abebekho, umboniso ukwasebenza njengeqonga lokufunyanwa kwekhondo lomsebenzi, ukuhlola kunye nophuhliso lwezakhono njengoko bebeqwalasela iindlela zabo zexesha elizayo.

Isandla-Sekela Tshansela sokuFundisa nokuFunda, uNjingalwazi uBrandon Collier-Reed, uchukumisekile. “I-Epic Job Expo yenze ingxolo kulo nyaka. Ndifumene ithuba lokuhamba-hamba ukuze ndibone abafundi bezibandakanya nabaqeshi bexesha elizayo kwaye kumnandi ukubona oku,” utshilo. “Umboniso obukhulu bungaka udala imekobume yokuba abafundi bazive ngathi kukho amathuba abo bakuba bephumile eyunivesithi. Inyaniso yeyokuba lo ngowona mboniso mkhulu kwilizwekazi osingathwa yiyunivesithi oko kwenza kube lithuba elimangalisayo lokuthatha inxaxheba kuwo.”

Abaxhasi kunye namaqabane baye baba ngundoqo ekukhupheni umboniso oyimpumelelo. Umxhasi wePlatinum, iMonocle Solutions, bemelwe ngummeli onetalente ophumelele isidanga uRefiloe Mothibi: “Kuthi ukukhangela italente ngumsebenzi omkhulu kodwa oyimfuneko, italente ekwinqanaba eliphezulu ibalulekile kwishishini lethu kwaye iUCT ibe yenye yeeyunivesithi eziye zaba luncedo ekusinikeni ukufikelela kwitalente ekwinqanaba eliphezulu ukusuka ekuqaleni. Sifumana ithuba lokubandakanya abafundi ukusuka kunyaka wokuqala, kwaye xa befika kwinqanaba le-honours – kuxa befanelekile ukufaka isicelo senkqubo yesidanga – ngeli xesha ubudlelwane busekiwe kwaye uphawu lube nokuvezwa kwaye lufikelele kubafundi abahlukeneyo kunye namaqela eyunivesithi.”

Ubukho babaqeshi abaninzi bubonisa ukuzithemba okuqhubekayo beshishini elinomgangatho, isakhono kunye namandla kwabafundi abaphumelele eUCT.

Umboniso walo nyaka ukwaquke ikona yeengxoxo zomsebenzi apho abafundi baye bangena kwindawo yokuhlala ukuze bafumane incoko yemizuzu elishumi nomntu ngamnye kunye nabo banokuba ngabaqeshi. Bekukho nethuba lokuba abafundi bafumane isikhokelo seKharityhulam Vitaye(CV). Ngaphandle kweencoko ezinempembelelo, abafundi bafumene iigudibhegi kumashishini, ngelixa bethatha inxaxheba kwimidlalwana evela kumxhasi we-chill zone, iValterra Platinum.

Omabini amacala anoxanduva

Umongameli weBhunga eliMele abafundi (SRC), uKitso Mojapelo, naye ebekhona. Njengomfundi owenza unyaka wesithathu wobunjineli boomatshini uphawule ukuba njengomntu osondela kwinqanaba eliphezulu lesidanga sakhe, kubalulekile ukuqonda amathuba omsebenzi afumanekayo kuye. “Kumalunga nokufumanisa ukuba yintoni eyona nto endifanele ndiyenze,” utshilo. “Ndizamile ukuthetha nabantu abaninzi kangangoko ndinako ukubona ukuba bahambelana njani nobuntu bam kunye nokuba yintoni enokwenzeka ngesidanga sam kunye nokubona ukuba ngawaphi amathuba akhoyo endingawaziyo. Ndifumene iimbono ezininzi kwiindibano, kwaye kum kulo nyaka, umalunga neenkqubo zesidanga. Ke, bekuchulumancisa ukuzama ukufumana isikhokelo esisetwe ngokuthetha neenkampani ezahlukeneyo.”

Wongeze wathi: “Ayiyiyo yonke imihla okwazi uthetha ngayo neenkampani ubuso ngobuso kwaye zikuvumele ukuba ziqhagamshelane kwaye zikwazi, ngoko ke ndingakhuthaza abantu ukuba baye kwimisitho enje ukuba abakhange bayindwendwele ngaphambili.”

“Ndizibuyisele kubomi bam bomfundi kwaye ndizame ukunika iingcebiso kubafundi zisukela kuloo mbono.”

UNtokozo Sindane, ongumfundi we-master’s kubunjineli bemichiza, ube nethuba lokunika ingcamango nanjengomfundi oqeqeshelwa umsebenzi kwiNkonzo yeKhondo leMisebenzi. “Ndikhe ndazimasa ii-expos kwixesha elidlulileyo, bendihlala ndiziva ngathi ndizele nje ukuza kuqokelela iigudibhegi, kuba bendingazi ukuba yeyiphi imibuzo emandiyibuze kwaye yintoni engam apha. Ukususela ngoko ndiye ndafunda ukuba nam, njengomfundi othanda ukubuza, ndongeza ixabiso ngokusebenzisana neenkampani kwaye ndikufunde oku ngexesha lam ndikunye neNkonzo yeKhondo leMisebenzi. Olu suku luxanduva kubini kubafundi kunye nabo baza kuba ngabaqeshwa.”

UShiraaz Jogee, ummeli we-ENGIE – umxhasi welebhu ye-CV yosuku – enye yeembalasane zosuku ucinge ngexesha ebengumfundi elungiselelela eli xesha lokufuna umsebenzi. “Yingcamango ekhokele kwindlela endizibandakanya ngayo nabafundi. Ndizibuyisele kubomi bam bomfundi kwaye ndizame ukunika iingcebiso kubafundi ngokwembono. Kumalunga nokunika abafundi ulwazi olwaneleyo kunye nokuqonda amathuba akhoyo kunye nendlela yokwaziswa kwamathuba axeliweyo.”

Intloko yophuhliso lwabathweswe izidanga kunye nokuqesheka kwiNkonzo yeKhondo leMisebenzi, uNawaal Boolay, uthe olu suku luphinde lomeleza iindlela ukusuka eyunivesithi ukuya kwingqesho enentsingiselo yetalente yaseUCT. “Ibingumboniso onamandla wento enokufezekiswa xa imfundo ephakamileyo kunye noshishino zidibana kunye nokuzinikela okwabelanayo ekuphuhliseni italente yexesha elizayo. Eyona nto ibibalasele kakhulu kukuphuma okumangalisayo kunye nomdla wabafundi bethu. Amandla omdla kule ndawo ebengenakuphikiswa, kunye nabafundi ababonisa umdla, ubuchule kunye namabhongo njengoko behamba-hamba kumgangatho womboniso.”


Creative Commons License This work is licensed under a Creative Commons Attribution-NoDerivatives 4.0 International License.

Please view the republishing articles page for more information.


TOP